NgoLwesibini, Septemba 16
Siyayikholelwa ibe siyayazi into yokuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.—Yoh. 6:69.
Umpostie uPetros wayethembekile, ngoko zange avumele nantoni na imyekise ukuba ngumlandeli kaYesu. Loo nto wayibonisa xa uYesu wathetha into ababengayiqondi abafundi bakhe. (Yoh. 6:68) Abaninzi kubo bayeka ukumlandela, bengafunanga nokuqonda ukuba wayethetha ukuthini. Kodwa yena uPetros zange ayeke. Wayesazi ukuba nguYesu yedwa “onamazwi anika ubomi obungunaphakade.” UYesu wayesazi ukuba uPetros nabanye abapostile baza kumshiya. Sekunjalo, uYesu wamxelela ukuba wayeqinisekile ukuba wayeza kubuya aze ahlale ethembekile. (Luka 22:31, 32) UYesu wayeqonda ukuba “intliziyo iyafuna ukwenza okulungileyo, kodwa wona umzimba ubuthathaka.” (Marko 14:38) Ngoko nasemva kokuba lo mpostile wakhe, uPetros, emphikile, zange amncame. Emva kokuba evusiwe, wabonakala kuPetros, ngexesha ekusenokwenzeka ukuba wayeyedwa. (Marko 16:7; Luka 24:34; 1 Kor. 15:5) Inoba yamomeleza nyhani loo nto lo mpostile wayetyhafile ngenxa yento awayeyenzile! w23.09 22 ¶9-10
NgoLwesithathu, Septemba 17
Bonwabile abantu abaye baxolelwa nangona bophule umthetho, nabaye baxolelwa izono zabo.—Roma 4:7.
UThixo uyazixolela izono zabantu abanokholo kuye. Uzixolela nyhani, angaphindi azikhumbule. (INdu. 32:1, 2) Abo bantu uye abajonge njengabangenatyala namalungisa. Ngoxa kwathiwa bangamalungisa, uAbraham, uDavide nabanye abakhonzi bakaThixo ababethembekile babesenaso isono. Kodwa ngenxa yokholo lwabo, uThixo wababona bengenatyala, ngokukodwa xa wayebathelekisa nabantu ababengamkhonzi. (Efe. 2:12) Kwileta yakhe umpostile uPawulos wayicacisa into yokuba kufuneka sibe nokholo ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo. Kwaba njalo kuAbraham noDavide, kunjalo ke nakuthi. w23.12 3 ¶6-7
NgoLwesine, Septemba 18
Masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wokumdumisa, oko kukuthi amazwi aphuma emilonyeni yethu.—Heb. 13:15.
Namhlanje onke amaKristu anenyhweba yokubingelela kuYehova ngokusebenzisa ixesha, amandla nezinto anazo ukuze amkhonze. Sinokubonisa uYehova ukuba siyambulela ngenyhweba esinayo yokumkhonza, ngokumsebenzela ngamandla ethu onke. Umpostile uPawulos wathetha ngezinto esimele singayeki ukuzenza xa sikhonza uYehova. (Heb. 10:22-25) Ezo zinto kukuthandaza kuye, ukushumayela ngethemba esinalo, ukuya kwiintlanganiso nokukhuthazana, ‘ingakumbi njengoko sibona ukuba imini kaYehova iyasondela.’ Ngasekupheleni kwencwadi yeSityhilelo, ingelosi kaYehova ithi: “Khonza uThixo!” (ISityhi. 19:10; 22:9) Masingaze sizilibale izinto ezinzulu esizifundileyo ngetempile enkulu kaYehova, nenyhweba esinayo yokukhonza lo Thixo wethu omkhulu! w23.10 29 ¶17-18